top of page
Search

Sometimes happiness is conquering the principality

  • Writer: Phathiswa Moyo
    Phathiswa Moyo
  • Aug 10, 2023
  • 1 min read





Ukuhendwa kukaYesu entlango

(UMarko 1:12,13; uLuka 4:1-13)

1Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuba ahendwe nguMtyholi.

2Uthe akuba ezilé ukudla iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané, ekupheleni kwazo walamba. 3Efikile ke umhendi kuye, uthe, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka. 4Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.

5Eze uMtyholi, amthabathe amse kuwo umzi ongcwele, ammise eluchochoyini lwetempile, athi ke kuye, 6Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa,


Úya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini,

Zikufukule ngezandla,

Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.

(INdum. 91:11)


7Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.

8Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo; 9athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum. 10Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa. 11Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.


 
 
 

Comments


Post: Blog2_Post
  • Facebook
  • Twitter
  • LinkedIn

©2022 by Happiness diary. Proudly created with Wix.com

bottom of page